top of page
God Is Watching and listening
1 Timothy 2:12 is the twelfth verse of the second chapter of the First Epistle to Timothy. It is often quoted using the King James Version translation: But I suffer not a woman to teach, nor to usurp authority over the man, but to be in silence.
The Lord sees everything you do

 

UThixo Ujongile yaye uphulaphule

Ukuziphendulela » Wonke umntu uya kuziphendulela kuThixo

KUMAHEBHERE 9:27 Kwanjengokuba bonke ngabanye bemiselwe ukuba bafe kube kanye, emveni koko kufike umgwebo;

Yohane 3:13Akukho namnye wakha wenyuka waya ezulwini, ngaphandle kwalowo wehlayo evela ezulwini.-uNyana woMntu. UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:29 “Madoda, maSirayeli, ndithi kuni ngokuqinisekileyo ukhokho uDavide wafa waza wangcwatywa, yaye ingcwaba lakhe likho unanamhla.” Mateyu 12:36-37 “Ke mna ndithi kuni, Onke amazwi angewani abawathethayo abantu; baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo. Kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa. IZenzo 17:30 “Ngoko ke, amaxesha okungazi, wawayeka ngabomi uThixo, ngoku uxelela abantu ukuba baguquke bonke ezindaweni zonke. KwabaseRoma 14:12 Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo.

Yakobi 4:17Ngoko ke, lowo ukwaziyo ukwenza okulungileyo, akakwenzi, kusisono kuye lowo. . . . . . . . .UHEZEKILE 3:2 “Kwakhona, xa lithe ilungisa labuya ebulungiseni balo, lenza ngobugqwetha, ndabeka isikhubekiso phambi kwalo, liya kufa; ngokuba ungalilumkisanga, liya kufa ngenxa yesono salo, nangenxa yobulungisa balo. abenzi bobubi abayi kukhunjulwa, ke lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.” INdumiso 32:8 Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo, ndikubonise iliso lam likuwe.

Indumiso 33:18 Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo, abalindele inceba yakhe;  INdumiso 34:15 iindlebe zisibekele isikhalo sabo. IMIZEKELISO 28:9 Umthandazo womntu ongawuthobeliyo umthetho uyawucekisa kuThixo. Prov 15:2 Ulwimi lwezilumko luthetha ukwazi; Umlomo wesidenge umpompoza ukumatha. 3 Asezindaweni zonke amehlo kaYehova, Ebonisela abanobubi nabalungileyo. 4 Ulwimi olupholileyo ngumthi wobomi; ke lona ulwimi olugwenxa luyawutyumza umoya... ISityhilelo 20: Ndababona nabafileyo, abakhulu nabancinane, bemi phambi kwetrone; zavulwa iincwadi; nenye incwadi yavulwa, eyincwadi yobomi; bagwetywa abafileyo ngokwezinto ezibhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. KUMAHEBHERE 11:6 Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo usondelayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba uyabavuza abo bamfunayo.

bottom of page