top of page
If you turn and deaf ear 
His disciples came and asked him, “Why do you use parables when you talk to the people?”  11 He replied, “You are permitted to understand the secrets of the Kingdom of Heaven, but others are not. 12 To those who listen to my teaching, more understanding will be given, and they will have an abundance of knowledge. But for those who are not listening, even what little understanding they have will be taken away from them. 13 That is why I use these parables,
Fools have no interst in understanding they only want to air their own opinions

Nabani na oneendlebe zokuva makaphulaphule aze aqonde.

Beza abafundi bakhe bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe ebantwini ngemizekeliso?

11 Waphendula ke wathi kubo, Nina kuvunyelwe ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, kodwa abanye abanakuziqonda. 12 Owuvayo umthetho wam, bongezelelwa ukuqonda, babe nobuninzi bokwazi. Ke bona abangevayo baya kuhluthwa kwanokuqonda abanako. 13Ngenxa yoko ndisebenzisa le mizekeliso,

 

kuba bayakhangela, kodwa ababoni. Beva, kodwa abaphulaphuli okanye baqonde ngokwenene. 14 Oku kuzalisekisa isiprofeto sikaIsaya, esithi, Xa nithe nayiva into endiyithethayo, aniyi kuyiqonda; Xa niyibonayo into endiyenzayo, aniyi kuyiqonda; 15 Kuba intliziyo yaba bantu iqaqadekile, neendlebe zabo angeva, bawacimezile namehlo abo; ukuze amehlo abo angaboni, neendlebe zabo angeva, bangabi nakuqiqa nentliziyo yabo, bangabuyeli kum, bangabi nakumbona. ndibaphilise. Mateyu 13:10

 

 Kuba nguwuphi na umntu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya (1 kwabaseKorinte 2:7,8,11,14).  

Ukuphila kuMoya

Abo balawulwa sisimo esonakeleyo bacinga ngezinto ezimbi, kodwa abo balawulwa nguMoya bacingela izinto ezikholekileyo kuMoya.6Ngoko ke ukuvumela isimo sakho esikhohlakeleyo silawule ingqondo yakho kukhokelela ekufeni. Ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni. 7Kaloku inyama ihlala intshaba kuThixo. Ayizange iyithobele imithetho kaThixo, yaye ayisayi kuze iwuthobele. 8Ngoko ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

Musani ukukuchithela oko kungcwele kwabangcwele; Musani ukuphosa iiperile zenu ezihagwini! Baya kuzinyathela iiperile, bajike, banihlasele; Mateyu 7

Waphendula uYesu wathi kuye, Ndithi kuwe, Inyaniso, ingunaphakade:Ukuba umntu akazalwanga ngokutsha, akanakububona uBukumkani bukaThixo.—Yohane 3:3

bottom of page